Njengoko indim umseki wenimba, ikwandim umbelekisi.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo. Vuyisanani nigcobe neJerusalem, nonke nina basithandayo esi sixeko. Qakathani nivuyisane naso kaloku, nonke nina bebekade besililela. Kaloku niza kuncanca nimfimfithe nanele; nozifikisela ngolonwabo kwindyebo yaso, nifane nosana luthuthuzelekile esifubeni sikanina. Kaloku yena uNdikhoyo uthi: “Mna ndiza kunithululela inkqubela nenzolo impompoze njengomlambo, ubutyebi bezizwe buphuphume njengentlambo. Noba njengosana luncanca lusingathiwe; ewe, niya kuthuthuzelwa ngemfobe. Njengonina embambazela usana lwakhe ndiya kwenjenjalo ukunithuthuzela, nitsho nithuthuzeleke eJerusalem.” Notsho nivuye xa isenzeka le nto; nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca. Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo, nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.
Funda UISAYA 66
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UISAYA 66:9-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo