UISAYA 66:9-14
UISAYA 66:9-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Mna ndingàvelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingàthi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho. Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili; ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo. Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangéni. Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem. Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.
UISAYA 66:9-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Njengoko indim umseki wenimba, ikwandim umbelekisi.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo. Vuyisanani nigcobe neJerusalem, nonke nina basithandayo esi sixeko. Qakathani nivuyisane naso kaloku, nonke nina bebekade besililela. Kaloku niza kuncanca nimfimfithe nanele; nozifikisela ngolonwabo kwindyebo yaso, nifane nosana luthuthuzelekile esifubeni sikanina. Kaloku yena uNdikhoyo uthi: “Mna ndiza kunithululela inkqubela nenzolo impompoze njengomlambo, ubutyebi bezizwe buphuphume njengentlambo. Noba njengosana luncanca lusingathiwe; ewe, niya kuthuthuzelwa ngemfobe. Njengonina embambazela usana lwakhe ndiya kwenjenjalo ukunithuthuzela, nitsho nithuthuzeleke eJerusalem.” Notsho nivuye xa isenzeka le nto; nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca. Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo, nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.
UISAYA 66:9-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiya kuzala na, ndingazali na? Wathi uYehova, Ndingasizalisa na, ndisivale isizalo sikanina? utsho uThixo wakho. Vuyisanani neYerusalem, vuyani nayo, nonke bamthandayo; Vuyisanani naye, nonke nina nimzilayo; ukuze nanye nihluthe libele lentuthuzelo yakhe; ukuze nisele ubisi nize nixhamle ubutyebi bozuko lwakhe. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndimnika uxolo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengomlambo oqukuqelayo; uya kwanya khona, udle emacaleni akhe, ubethe amadolo akhe. Njengothuthuzela unina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela; yaye niya kuthuthuzeleka eYerusalem. Kuya kuthi, akukubona, ibe nemihlali intliziyo yakho, namathambo akho adubule njengesityalo; yaye isandla sikaYehova siya kwaziwa kubakhonzi bakhe, nomsindo wakhe kwiintshaba zakhe.
UISAYA 66:9-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiya kutyobozisa na, ndingazalisi nokuzalisa? utsho UYEHOVA: ndiya kuzalisa na, ndivingce noko? utsho UTIXO wako. Vuyani ne‐Yerusaleme, nivuyelele ngayo, nonke nina niyitandayo! gcobani nayo ngomgcobo, nonke nina abayililelayo! ukuze nanye, nihlute, ngebele lentutuzelo zayo; ukuze nifoce, niziyolise ngobuninzi bobungcwalisa bayo. Ngokuba esitsho UYEHOVA ukuti: Bona ke, ndiya kuyolulela uxolo njengomlambo nobutyebi babaheyideni njengomsinga okukulayo; niya kwandula nanye, niya kutwalwa ecaleni, nigxunyiswe emadolweni. Njengomnye otutuzelwayo ngunina, kwa njalo ndonitutuzela mna; kwa se‐Yerusaleme niya kututuzelwa. Noti nakubona, intliziyo yenu iya kugcoba, namatambo enu ohluma njengotyani: isandla SIKAYEHOVA siya kwazeka ezicakeni zake, kodwa intshaba zake woziqumbela.