EYEZIQALO 21:1-21

EYEZIQALO 21:1-21 XHO96

*UNdikhoyo wamenzela isisa uSara ngokuthi asizalisekise isithembiso sakhe. USara wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe, sele aluphele uAbraham. Wamzala kanye ngelaa xesha wayelixelile uThixo. Wamthiya igama loo mntwana uAbraham, wathi nguIsake. Uthe ke akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, wamalusa uAbraham ngokomyalelo kaThixo. UAbraham wayeselenekhulu leminyaka ukuzalwa kukaIsake. Wada wathi uSara: “UThixo undenze ndakwazi ukuhleka, yaye wonke ubani oyivayo le nto wohleka kunye nam.” Uqokele wathi: “Ibingubani kakade obenokuthi kuAbraham ndiza kuba ngumdlezana owanyisayo? Naku ke kodwa ndizele umntwana wakhe, eyinkothovu yexhego enjalo!” Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana. Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake. Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!” Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe. Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake. Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.” Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha. Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana, wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi. UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.” UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe. UThixo wamgcina loo mntwana, wakhula ehlala kuloo ntlango yaseParan. Waba yincutshe yomzingeli. Unina wamthathela intombi engumJiputakazi.