IGENESIS 21:1-21

IGENESIS 21:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile. Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye. UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.• UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho. UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe. Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam. Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe. Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake. USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa. Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake. Lâlibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe. Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe. Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho. Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha. Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo. Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila. Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ùnantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona. Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu. UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe. UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan; unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.

IGENESIS 21:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)

*UNdikhoyo wamenzela isisa uSara ngokuthi asizalisekise isithembiso sakhe. USara wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe, sele aluphele uAbraham. Wamzala kanye ngelaa xesha wayelixelile uThixo. Wamthiya igama loo mntwana uAbraham, wathi nguIsake. Uthe ke akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, wamalusa uAbraham ngokomyalelo kaThixo. UAbraham wayeselenekhulu leminyaka ukuzalwa kukaIsake. Wada wathi uSara: “UThixo undenze ndakwazi ukuhleka, yaye wonke ubani oyivayo le nto wohleka kunye nam.” Uqokele wathi: “Ibingubani kakade obenokuthi kuAbraham ndiza kuba ngumdlezana owanyisayo? Naku ke kodwa ndizele umntwana wakhe, eyinkothovu yexhego enjalo!” Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana. Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake. Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!” Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe. Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake. Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.” Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha. Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana, wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi. UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.” UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe. UThixo wamgcina loo mntwana, wakhula ehlala kuloo ntlango yaseParan. Waba yincutshe yomzingeli. Unina wamthathela intombi engumJiputakazi.

IGENESIS 21:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo, uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile. Wamitha ke uSara waza wamzalela uAbraham unyana ebudaleni bakhe, ngexesha elimisiweyo uThixo awayethethe ngalo kuye. uAbraham wamthiya igama unyana wonyana wakhe lowo wamzalelayo, awamzalela yena uSara, igama elinguIsake. uAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho. uAbraham ubeminyaka ilikhulu ezelwe, ukuzalwa kukaIsake unyana wakhe. Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; Wathi, Ngubani na obengamxelela uAbraham, ukuba uSara wanyisa abantwana? ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe. Wakhula umntwana, walunyulwa, waza uAbraham wenza itheko elikhulu mhla alunyulwayo uIsake. uSara wabona ukuba unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa ngaye. Wathi kuAbraham, Sikhuphele phandle esi sicakazana nonyana waso, kuba unyana waloo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake. Yaba mbi kakhulu loo mcimbi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe. Wathi uThixo kuAbraham, Musa ukukuvumela ukuba kube kubi emehlweni akho ngenxa yonyana wakho, nangenxa yomkhonzazana wakho; Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, liphulaphule izwi lakhe; ngokuba iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho. Ndiza kumenza uhlanga ngonyana wekhobokazana, ngenxa yokuba eyimbewu yakho. Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka neselwa lamanzi, wanika uHagare, wazibeka emagxeni akhe nomntwana, wathi kuye, makahambe; wemka, wabhadula entlango eBher-shebha. Aphela amanzi etankini, waza umntwana wamphosa phantsi kwelinye ityholo. Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama onjengesaphetha; ngokuba wathi, Andiyi kukubona ukufa komntwana. Wahlala phantsi malunga naye, waphakamisa izwi lakhe, wadanduluka. Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe; samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ukhathazwa yintoni na, Hagare? Musa ukoyika; ngokuba uThixo ulivile ilizwi lonyana apho akhona. Suka ume, uyiphakamise inkwenkwe, uyibambe ngesandla; ngokuba ndiya kumenza uhlanga olukhulu. uThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; Waya kuzalisa ingqayi ngamanzi, wayiseza inkwenkwe. uThixo waba nenkwenkwe; wakhula, wahlala entlango, waba ngumtoli. Wahlala entlango yaseParan, unina wamzeka wangumkakhe ezweni laseYiputa.

IGENESIS 21:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WAYE UYEHOVA wamkumbula u‐Sara njengokutsho kwake; kanjalo UYEHOVA wenzela u‐Sara njengokuteta kwake. Wada wamita u‐Sara, wamzalela u‐Abrahame unyana ebudaleni bake, ngelimisiweyo ixesha abetetile ngalo kuye UTIXO. Waye u‐Abrahame wabiza igama lonyana wake obemzalelwe, lowo u‐Sara wamzalela yena, ngo‐Yisake. Waza u‐Abrahame walusa u‐Yisake unyana wake, eyimihla isibozo ubudala bake, njengokuba ebemyalele UTIXO. Wabe u‐Abrahame eyiminyaka ilikulu ubudala bake, akuzalelwa u‐Yisake unyana wake. Wayesiti u‐Sara: UTIXO undenzele ukuhleka; bonke abevayo bohleka nam. Wabuya wati: Ngubanina obeya kutsho ku‐Abrahame ukuti: u‐Sara wanyisile abantwana? ngokuba ndizele unyana ebudaleni bake. Wakula umntwana, walunyulwa; waza u‐Abrahame wenza umtendeleko omkulu emhleni abelunyulwa ngawo u‐Yisake. Kekaloku u‐Sara wambona unyana ka‐Hagare um‐Jipetekazi, lowo wamzalela u‐Abrahame, ehleka. Wati ngoko ku‐Abrahame: Gxota elikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana welikobokakazi engayi kulidla ilifa kunye nonyana wam, kunye no‐Yisake. Kodwa lendawo ibimbi kakulu emehlweni ka‐Abrahame, ngenxa yonyana wake. Waza UTIXO wati ku‐Abrahame: Makungabi kubi emehlweni ako pezu kwomfana, napezu kwekobokakazi lako: konke akutshilo kuwe u‐Sara, lipulapule ilizwi lake ngako; ngokuba ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako. Kwa naye unyana wekobokakazi ndiya kumenza isizwe, ngokokuba eyinzalo yako. Waza wavuka u‐Abrahame kwa kusasa, watabata isonka, nentsuba yamanzi, wazinika ku‐Hagare, ezibeka egxalabeni lake; wamnika nomfana, wamndulula ke. Wasuka wemka, wabangazeka entlango yase‐Beresheba. Kwaza kwati, akuba epelile amanzi entsubeni, wamwisa umfana ngapantsi kwomnye wemitana. Waya yena wahlala pantsi elunge naye, kwamgama ongangokutolwa kwesipeta; ngokuba ebesiti: Mandingaboni ukufa kwomfana. Wahlala ke elunge naye, wapakamisa ilizwi lake, walila. Waye UTIXO weva ilizwi lomfana; yaza ingelosi KATIXO yabiza ku‐Hagare isezulwini, yati kuye: Unandawo nina, Hagare? ungoyiki; ngokuba UTIXO evile ilizwi lomfana apo akona. Suka, umfunqule umfana, umbambe ngesandla sako; ngokuba ndiya kumenza isizwe esikulu. Wandula UTIXO wavula amehlo ake, wada wabona iqula lamanzi; waza waya wazalisa intsuba ngamanzi, wamseza umfana. Waye UTIXO ebenaye umfana, owakulayo, wahlala entlango, waba ngumtoli. Wahlala entlango ye‐Parane; wati unina wamtabatela umfazi ezweni le‐Jipete.