IGENESIS 21:1-21

IGENESIS 21:1-21 XHO75

Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile. Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye. UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.• UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho. UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe. Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam. Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe. Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake. USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa. Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake. Lâlibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe. Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe. Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho. Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha. Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo. Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila. Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Ùnantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona. Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu. UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe. UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan; unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.