EYEZIQALO 12:1-3

EYEZIQALO 12:1-3 XHO96

*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona. “Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”