IGENESIS 12:1-3
IGENESIS 12:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendiwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona; ndikwènze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo; ndibasikèlele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
IGENESIS 12:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
*UNdikhoyo wathi kuAbram: “Lishiye ilizwe lakowenu, izizalwana kunye nekhaya lakho, umke uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona. “Ndiza kukunika inzala eninzi, eya kuba sisizwe esikhulu; ndikunike amathamsanqa, libe nodumo igama lakho, ube lithamsanqa nakwabanye. Abo bakuthamsanqelisayo nam ndobathamsanqelisa, ndibaqalekise abo bakuqalekisayo. Zonke izizwe zothamsanqeliswa ngawe.”
IGENESIS 12:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYehova kuAbram, Lishiye ilizwe lakowenu, nendlu yakho, nendlu kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona. Ndiya kukwenza uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho; kwaye uya kuba nethamsanqa. Yaye ndiya kumsikelela okusikeleleyo, lowo ukuqalekisayo ndimqalekise; zisikeleleke ngawe zonke izizukulwana zehlabathi.
IGENESIS 12:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU UYEHOVA ebetshilo ku‐Abrame ukuti: Hamba, umke elizweni lakowenu, nasesalamaneni sako, nasendlwini kayihlo, uye elizweni endiya kukubonisa lona. Ndaye ndiya kukwenza ube sisizwe esikulu, ndikutamsanqele, ndilenze likulu igama lako; uze ube litamsanqa ke. Ndandiya kutamsanqela abo abatamsanqela wena, nalowo okuqalekisayo ndiya kuqalekisa yena; kanjalo ziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba.