UMosis wawayala amaSirayeli, wathi: “Le mimiselo ndinifundisa yona yithobeleni, khon' ukuze niphile, nibe nako ukungena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wookhokho benu. Le miyalelo kaNdikhoyo ndininika yona ze niyigcine, ningaze niyandise okanye niyinciphise. Nazibonela ngokwenu into awayenzayo uNdikhoyo eBhali-pehore. Wabatshabalalisa bonke ababenqula uBhali wasePehore, kambe ke nina enanibambelele kuNdikhoyo uThixo wenu nisekho unanamhla. “Niyabona ke, ndinifundise yonke imimiselo nemigaqo ngokomlomo kaNdikhoyo uThixo wam, khon' ukuze niyithobele nakulizuza elo lizwe niza kungena kulo. Yithobeleni niyigcine, zize ezinye izizwe ziniqonde ukuba ninobulumko nengqiqo. Zakuva ngale mimiselo ziya kutsho ukuthi: ‘Hayi, ukulumka nokuba nengqiqo kolu hlanga olukhulu!’ Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza? Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje? Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’ “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni. UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela. Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.
Funda UHLAZIYO-MNQOPHISO 4
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UHLAZIYO-MNQOPHISO 4:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo