“Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.” OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu! UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni. UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo. Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”
Funda UMSEBENZI WABATHUNYWA 5
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMSEBENZI WABATHUNYWA 5:28-32
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo