IZENZO 5:28-32
IZENZO 5:28-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Besinganithethelanga na kunene ngelithi, maningafundisi ngeli gama? Niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu; nifuna ukulizisa phezu kwethu igazi lalo mntu. Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu. UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini. Yena lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, wanguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono. Saye singamangqina akhe ezo ndawo thina, kwanoMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.
IZENZO 5:28-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.” OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu! UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni. UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo. Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”
IZENZO 5:28-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Esithi, Besinganithethelanga na, ukuba ningafundisi ngeli gama? niyabona, niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu, nizimisele ukulizisa igazi lalo mntu phezu kwethu. Waphendula ke uPetros nabapostile, bathi, Simelwe kukuthi sive uThixo kunokuba sive abantu. uThixo woobawo bethu wamvusa uYesu, enambulalayo nina ngokumxhoma emthini. Lowo uThixo wamphakamisa ngesandla sakhe sokunene, waba nguMthetheli noMsindisi, ukuze amnike uSirayeli inguquko noxolelo lwezono. Thina ke singamangqina akhe ezo zinto, ukwanjalo noMoya oyiNgcwele, awamnika abo bamvayo yena uThixo.
IZENZO 5:28-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
esiti: Asaniyalela kunene na ukuba ningafundisi ngeligama? kanti bona ke, niyizalisile i‐Yerusaleme ngemfundiso yenu, nifuna ukunga ningalizisa pezu kwetu igazi lalomntu kanjako. Kodwa u‐Petrosi nabanye abapostile bapendula bati: Kufanele ukupulapula UTIXO ngapezu kwabantu. UTIXO wobawo betu wamvusa u‐Yesu, enati nina nambulala nimxo̔mile emtini. Yena lo UTIXO umpakamisele kwesokunene sake abe yinkosi nomsindisi, ukuba anike uguquko ko‐Sirayeli noxolelwa lwezono. Nati singamanqi̔na ake ngezizinto; kwa NOMOYA OYINGCWELE kanjalo, ate UTIXO wamnika kubo abampulapulayo.