Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

2 KAYOHANE 1:6-9

2 KAYOHANE 1:6-9 XHO96

Olu thando ndithetha ngalo ke kukuyithobela imiyalelo kaThixo. Lo myalelo ke nawunikwa kwasekuqaleni, ukuze ubomi benu bulawulwe luthando. Kukho abakhohlisi abaninzi abathe saa apha elizweni. Bona bayaphika ukuba uYesu Krestu waba ngumntu ngokupheleleyo. Abantu abanjalo ngabakhohlisi, abachasi-Krestu. Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu. Umntu onganamatheliyo emfundisweni kaKrestu, lowo uhambela kude kuyo, akanaThixo. Kanti ke yena onamatheleyo kuyo imfundiso umanyene noYise kunye noNyana.