KAYOHANE II 1:6-9
KAYOHANE II 1:6-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.

KAYOHANE II 1:6-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Olu thando ndithetha ngalo ke kukuyithobela imiyalelo kaThixo. Lo myalelo ke nawunikwa kwasekuqaleni, ukuze ubomi benu bulawulwe luthando. Kukho abakhohlisi abaninzi abathe saa apha elizweni. Bona bayaphika ukuba uYesu Krestu waba ngumntu ngokupheleleyo. Abantu abanjalo ngabakhohlisi, abachasi-Krestu. Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu. Umntu onganamatheliyo emfundisweni kaKrestu, lowo uhambela kude kuyo, akanaThixo. Kanti ke yena onamatheleyo kuyo imfundiso umanyene noYise kunye noNyana.
KAYOHANE II 1:6-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu. Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.
KAYOHANE II 1:6-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Lulo olu ke utando, lwokuba sihambe ngokwemiyalelo yake. Nguwo lo umyalelo: Lwokuba niti, njengokuba benivile kwa sekuqaleni, nihambe kulo. Ngokuba abakohlisi abaninzi bengene elizweni, abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba ubesiza enyameni. Onjalo ungumkohlisi no‐Antikristu. Zilumkeleni, ukuze singalahlekani nezozinto sizisebenzileyo, siti samkele umvuzo ozalisekileyo. Osukuba epambuka, engahlali elufundisweni luka‐Kristu, akanaye UTIXO. Ohlalayo elufundisweni luka‐Kristu, yena lo u NOYISE kwa NONYANA.