2 KWABASEKORINTE 2:14-15

2 KWABASEKORINTE 2:14-15 XHO96

Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi. Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo.