2 KWABASEKORINTE 10:3-5

2 KWABASEKORINTE 10:3-5 XHO96

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo; sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.