KWABASEKORINTE II 10:3-5
KWABASEKORINTE II 10:3-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama; kuba zona iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizenzenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba; siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sízithimbela ekumlulameleni uKristu
KWABASEKORINTE II 10:3-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo; sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.
KWABASEKORINTE II 10:3-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama; (Kuba izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;) siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu
KWABASEKORINTE II 10:3-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba sisiti, nangona sihamba enyameni, singalwi ngokwenyama: (ngokuba izikali zokulwa kwetu zingebunyama, koko zinamandla pambi KWOTIXO kuze kube kukuci̔twa kwazo inqaba:) sici̔ta nje izicamango, nento zonke ezinde ezipakamayo ngakuko ukwaziwa KUKATIXO, sitimbela nokutimbela ekuviweni kuka‐Kristu onke amaqinga