Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

1 YOOKUMKANI 4:29-34

1 YOOKUMKANI 4:29-34 XHO96

UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni. Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa. Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo. Wenza izafobe ezingamawaka amathathu; waqamba iingoma eziliwaka elinesihlanu. Imithi nezityalo wayichaza, esusela kumsedare waseLebhanon, waya kuthi xhaxhe ngehisophu enaba ezindongeni. Wafundisa nangezilwanyana, iintaka, nezilo ezirhubuluzayo, kwaneentlanzi. Ewe, kuSolomon kwakusiza abantu beentlanga zonke, bethunyelwa zizikumkani zehlabathi liphela, ukuze baziphulaphulele ubulumko bakhe obabungundaba-mlonyeni.