UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle. Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa. Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke. Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu. Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare• waseLebhanon, ase nakwihisope• ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi. Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe.
Funda OOKUMKANI I 4
Share
Compare All Versions: OOKUMKANI I 4:29-34
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos