Kaloku, mawethu, yikhumbuleni into eyabehlelayo ookhokho bethu ababekhokelwa nguMosis. Xa bebonke babekhuselwe lilifu, baza basinda baluwela uLwandle oluBomvu. Ukungena kwabo kwelo lifu nokuwela kwabo ulwandle kwaba bubungqina bokuba bangabalandeli bakaMosis. Bonke batya ukutya koMoya, baza basela isiselo soMoya. Babesela kwelo liwa likaThixo lalisoloko likho. Lona ke iliwa elo lalatha uKrestu. Kodwa ke nangoko uThixo akaneliswanga luninzi lwabo, ngenxa yaloo nto ke izidumbu zabo zathi saa entlango.
Ngoku ke zonke ezi zinto ziyimizekelo kuthi ukuze singanqweneli izinto ezimbi njengabo, futhi singanquli izithixo njengoko yênzayo inxalenye yabo. Kaloku *iziBhalo zithi: “Abantu bahlala phantsi batya basela, baza baphakama badlala.” Masingarheletyi njengokuba babesenjenjalo abanye babo, kwaza ngamini-nye kwafa amawaka angamashumi amabini anesithathu. Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka. Musani ukukrokra njengoko babesenjenjalo abanye babo, waza uThixo wabatshabalalisa.
Zonke ezi zinto zabahlelayo ziyimizekelo. Zabhalelwa ukuba zibe sisilumkiso kuthi, thina sidla ubomi kumaxesha okugqibela.
Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi. Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
Nani ke, zihlobo zam, kucezeleni ukunqula izithixo. Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni. Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu? Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
Khanikhe nicinge ngenkqubo yamaJuda. Abo balityayo idini baba nodlelwano noThixo, lo lenzelwa yena eqongeni lamadini. Ngaba ke ndithetha ukuthini? Ngaba ndithi makube kukho nto siyiyo isithixo? Okanye makube ndithi idini elenzelwa sona liba yinto enexabiso? Hayi, anditsho. Ndithi amadini enziwa ziintlanga akenzelwa Thixo, enzelwa iindimoni. Yaye andifuni nibe nanxaxheba neendimoni. Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni. Makube sifuna iNkosi ikhwelete? Sinamandla thina kunayo kakade?