KWABASEKORINTE I 10:1-22
KWABASEKORINTE I 10:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke andithandi ukuba ningâzi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke; babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu). Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukáyo bona abo. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamininye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala. Kungoko ndithi, zintánda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo. Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu? Ngokuba thina, síbaninzi nje, sìsonka sinye, símzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, àbadlelani nesibingelelo eso, yini na? Ndíthini na ke ngoko? Ndíthi, isithixo siyinto na? Ndíthi, amadini enzelwa izithixo ayinto na? Anditsho! Ndìthi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

KWABASEKORINTE I 10:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku, mawethu, yikhumbuleni into eyabehlelayo ookhokho bethu ababekhokelwa nguMosis. Xa bebonke babekhuselwe lilifu, baza basinda baluwela uLwandle oluBomvu. Ukungena kwabo kwelo lifu nokuwela kwabo ulwandle kwaba bubungqina bokuba bangabalandeli bakaMosis. Bonke batya ukutya koMoya, baza basela isiselo soMoya. Babesela kwelo liwa likaThixo lalisoloko likho. Lona ke iliwa elo lalatha uKrestu. Kodwa ke nangoko uThixo akaneliswanga luninzi lwabo, ngenxa yaloo nto ke izidumbu zabo zathi saa entlango. Ngoku ke zonke ezi zinto ziyimizekelo kuthi ukuze singanqweneli izinto ezimbi njengabo, futhi singanquli izithixo njengoko yênzayo inxalenye yabo. Kaloku *iziBhalo zithi: “Abantu bahlala phantsi batya basela, baza baphakama badlala.” Masingarheletyi njengokuba babesenjenjalo abanye babo, kwaza ngamini-nye kwafa amawaka angamashumi amabini anesithathu. Masingamlingi uKrestu njengokuba babesenjenjalo abanye babo, baza babulawa ziinyoka. Musani ukukrokra njengoko babesenjenjalo abanye babo, waza uThixo wabatshabalalisa. Zonke ezi zinto zabahlelayo ziyimizekelo. Zabhalelwa ukuba zibe sisilumkiso kuthi, thina sidla ubomi kumaxesha okugqibela. Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi. Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela. Nani ke, zihlobo zam, kucezeleni ukunqula izithixo. Ndithetha nani njengabantu bengqiqo, ngoko ke yicaluleni ngokwenu le nto ndiyithethayo kuni. Xa sidumisa uThixo ngokuthatha indebe engumqondiso weentsikelelo zakhe, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kwigazi likaKrestu? Khona xa siqhekeza isonka, ngaba loo nto ayithethi kuthi sinenxaxheba kumzimba kaKrestu? Kuba kaloku sinye qha isonka; nathi nangona sibaninzi nje, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. Khanikhe nicinge ngenkqubo yamaJuda. Abo balityayo idini baba nodlelwano noThixo, lo lenzelwa yena eqongeni lamadini. Ngaba ke ndithetha ukuthini? Ngaba ndithi makube kukho nto siyiyo isithixo? Okanye makube ndithi idini elenzelwa sona liba yinto enexabiso? Hayi, anditsho. Ndithi amadini enziwa ziintlanga akenzelwa Thixo, enzelwa iindimoni. Yaye andifuni nibe nanxaxheba neendimoni. Aninako ukusela indebe yeNkosi, niphinde nisele eyeendimoni, ningenakuthatha nxaxheba esithebeni seNkosi, ze niphinde nibe nenxaxheba nakweseendimoni. Makube sifuna iNkosi ikhwelete? Sinamandla thina kunayo kakade?
KWABASEKORINTE I 10:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke; Babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; Badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; basela bonke olo luselo lunye lulolomoya, kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo lalinguye uKristu. Kodwa noko uThixo akakholiswanga ngabaninzi kubo; ngokuba bathiwa entlango. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenzayo umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. Kanjalo musani ukukrokra njengoko inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. Zonke ke ezo zinto zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. Anibanjwanga sihendo singesabantu; kodwa uThixo uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, nibe nako ukuthwala. Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. Ndithetha njengakwizilumko; kugwebeni endikuthethayo. Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu? Kaloku thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. Khangelani uSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso? Ndithini na ke ngoko? Okanye amadini enziwa into na? Ndithi ke, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iindimoni, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeendimoni. Aninako ukuba nenxaxheba esithebeni seNkosi, nasesithebeni seendimoni. Siyayikhweletisa na iNkosi? Ngaba sinamandla kunaye?
KWABASEKORINTE I 10:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba obawo betu bonke bebepantsi kwelifu, nokuba bonke bacanda ulwandle; nokuba bonke babapitizeshelwa ku‐Mosesi elifini naselulwandleni; nokuba bonke batya okukwa kunye ukudla okubumoya; nokuba bonke basela olukwa lunye uselo olubumoya; ngokuba bebesela kwiliwa elibumoya libapeleka; laye iliwa elo lingu‐Kristu. Kuloko into eninzi yabo UTIXO wabengakoliswa ngabo: ngokuba bebewiswa pantsi entlango. Kekaloku ezizinto zenzeka ukuba yimilinganiselo kuti, ukuze ke tina singakanukeli izinto ezikohlakeleyo, njengokuba nabo bona bebekanuka. Kanjako maningabi ngabakonzi bezitixo, njengokuba bebenjalo inxenye yabo; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Bahlala pantsi abantu ukutya nokusela, baza besuka ukudlala. Kanjako masingenzi umbulo, njengokuba inxenye yabo bebesenza umbulo, baza bawa emini nye amawaka angamashumi mabini anamatatu. Kanjako masingamlingi u‐Kristu, njengokuba nenxenye yabo bebelinga, baza babujiswa zinyoka. Kanjako maningaṙoṙi, njengokuba nenxenye yabo bebeṙoṙa, baza babujiswa ngumtshabalalisi. Kekaloku ezizinto zonke zibe zihlela bona abo ukuba yimilinganiselo: zaza zaba̔lelwa ukululekwa kwetu, tina sifikelweyo zizipelo zelizwe elikoyo. Ngako oko lowo uba umi, makalumke ukuba angawi. Akuko silingo esinibambileyo, kupela sesobuntu; kodwa unyanisekile UTIXO, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngokupezulu kwamandla enu; koko eya kuyenza kwa kunye nesilingo nendlela yokupuma, ukuba nibe namandla okunyamezela. Ngoko ke, batandwa bam! balekani kuyo inkonzo yezitixo. Ndiyateta njengakubo abalumkileyo; yahlulani nina into endiyitetayo. Indebe yobulelo esibulela yona, asi bubo na ubudlelana begazi lika‐Kristu? Isonka esisiqezulayo, asi bubo na ubudlelana bomzimba buka‐Kristu? Kuba sisisonka sinye, singumzimba mnye tina singabaninzi; ngokuba sisamkela sonke kwesosonka sinye. Kangelani o‐Sirayeli ngokwenyama: abo bayityayo imibingo abanabudlelana nesibingelo na? Nditi nina pofu? nditi na isitixo siyinto? umhlaumbi nditi na oko kubingelweyo isitixo kuyinto? Hai; koko nditi izinto abazibingayo abaheyideni, bayazibingela idemoni, bengazibingeli UTIXO: kekaloku anditandi ukuba nibe nobudlelana nedemoni. Aningesele indebe YENKOSI, nendebe yedemoni; aningamkele kwitafile YENKOSI, nakwitafile yedemoni. Sivusela INKOSI ubukwele kusinina? sinamandla amakulu kwawayo yinina?