Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 92:12-15

IINDUMISO 92:12-15 XHO75

Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare• weLebhanon. Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu. Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza; Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.