IINDUMISO 61
61
Ukukholosa ngogcino lukaThixo
Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide.
1Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam;
Wubazele indlebe umthandazo wam.
2Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam;
Ndíkhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
3Ngokuba ulihlathi lam,
Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphade,
Ndiya kuzímela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam;
Ubaniké ilifa abaloyikayo igama lakho.
6Ùya kongeza imihla emihleni yokumkani;
Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
7Úya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo;
Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
8Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade,
Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.
Currently Selected:
IINDUMISO 61: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.