UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho. Wénza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza; Úndithundezela emanzini angawokuphumla. Úyawubuyisa umphefumlo wam; Úndikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba ùnam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela. Ùndilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam, Ùyithambisa ngeoli intloko yam, Indebe yam iyaphalala. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova Imihla emide.
Funda IINDUMISO 23
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 23:1-6
7 Days
Amy Groeschel has written this seven-day Bible Plan in hopes it will be taken as straight from our loving Father’s heart to yours. Her prayer is that it teaches you to avoid the opposing clamor and awakens you to focus on His voice.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo