IINDUMISO 23

23
UYehova ngumalusi wam
Umhobe kaDavide.
1UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho.
2Wénza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza;
Úndithundezela emanzini angawokuphumla.
3Úyawubuyisa umphefumlo wam;
Úndikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe.
4Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa,
Andiyi koyika bubi, ngokuba ùnam wena;
Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.
5Ùndilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam,
Ùyithambisa ngeoli intloko yam,
Indebe yam iyaphalala.
6Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba
Yonke imihla yobomi bam,
Ndihlale endlwini kaYehova
Imihla emide.

Currently Selected:

IINDUMISO 23: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena