Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele? Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe. Ngongàhlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe; Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye, Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa.
Funda IINDUMISO 15
Share
Compare All Versions: IINDUMISO 15:1-5
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos