IINDUMISO 15:1-5
IINDUMISO 15:1-5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele? Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe. Ngongàhlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe; Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye, Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa.
IINDUMISO 15:1-5 IBHAYIBHILE (XHO96)
*Ndikhoyo, ngubani oya kuba lundwendwe lwakho; ingubani oya kutyelela kwakho? Ngulowo uhambo ingenabala, owenza ubulungisa, ayithethe inyaniso engafihlisi. Ngulowo unganyelisiyo, ungamenziyo into embi uwabo, ungamhlebiyo ummelwana wakhe. Ngobadelayo abo babukulwe nguThixo, abancome abo bamoyikayo uNdikhoyo, ofunga angajiki noba kunyembelekile. Ngongabolekisi ngemali yakhe, ngenxa yokuba efuna inzala; ngongekhe anyotywe ngokuthengisa umnt' ongenatyala.
IINDUMISO 15:1-5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
(Indumiso kaDavide.) Yehova, ngubani na owohlala ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele? Ngulowo uhamba ngobulungisa nowenza okusesikweni nothetha inyaniso ngentliziyo yakhe. Ongathethiyo ngolwimi lwakhe, akamenzi nto imbi ummelwane wakhe, akamngcikivi ummelwane wakhe. Umntu odelekileyo kwawakhe amehlo; kodwa uyabahlonela abamoyikayo uYehova. Ofungayo uya kuzithoba, akaguquguquki. Ongayisebenzisiyo imali yakhe ekufuneni inzuzo, makangamkeli intlawulo kwabamsulwa. Lowo uzenzayo ezi zinto akayi kushukunyiswa.
IINDUMISO 15:1-5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
YEHOVA! ngubanina oya kuhlala ententeni yako? ngubanina oya kuma entabeni yako eyingcwele? Ohambayo ngokulungileyo, esenza ngokulungisa, eteta inyaniso ngentliziyo yake; ongahlebiyo ngolwimi lwake, engenzi okubi kummelwane wake, engatabati isituko ngakumhlobo wake; oti okohlakeleyo uba nokudelwa emehlweni ake, kodwa abo boyika UYEHOVA uyababeka; ofungele okubi, engaguquki noko; ongaboleki imali yake ngenxa yenzuzo enkulu, nebaso akalamkeli ngakuye ongenatyala. Owenza ezizinto akayi kushukunyiswa kude kube ngunapakade.