IINDUMISO 12
12
Umthandazo wokucela uncedo lukaThixo ngenxa yobutshijolo
Kumongameli: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide.
1Sindisa, Yehova, ngokuba úphelile owenceba,
Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu.
2Bathetha inkohlakalo omnye nomnye;
Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa.
3Ngamana uYehova angáyinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo,
Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu;
4Ábathe, Ulwimi lwethu siyalupheza;
Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi?
5Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu,
Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova;
Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo.
6Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo,
Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yéla emhlabeni,
Ehluzwe kasixhenxe.
7Wena, Yehova, uya kubagcina,
Ùya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade.
8Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke,
Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu.
Currently Selected:
IINDUMISO 12: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.