Mazize kum iinceba zakho, Yehova,
Nosindiso lwakho ngokwentetho yakho;
Ndimphèndule ngelizwi ondingcikivayo,
Ngokuba ndikholose ngelizwi lakho.
Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso,
Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;
Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke,
Ngonaphakade kanaphakade;
Ndihamba-hàmbe endaweni ebanzi,
Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.
Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani,
Ndingabi nakudana.
Ndoziyolisa ngemithetho yakho
Endiyithandayo;
Ndiziphakámise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo,
Ndicamngce ngemimiselo yakho.
Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho,
Ngenxa enokuba ùndithembise lona.
Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam,
Yokuba intetho yakho indiphilisile.
Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu;
Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho.
Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova,
Ndathuthuzeleka.
Ndingenwé ngumsindo oshushu,
Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.
Iziingoma kum imimiselo yakho,
Endlwini yokuphambukela kwam.
Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,
Ndawugcina umyalelo wakho.
Ndinikwe oku,
Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.
Isabelo sam, Yehova, ndithi,
Sesokuba ndigcine amazwi akho.
Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke,
Ndíbabale ngokwentetho yakho.
Ndazicingela iindlela zam,
Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.
Ndikhawulezile andazila-zila
Ukugcina imithetho yakho.
Izintya zabangendawo zindithandele,
Àndiwulibele umyalelo wakhe noko.
Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe,
Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,
Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.
Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;
Ndífundise imimiselo yakho.
Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,
Yehova, ngokwelizwi lakho.
Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,
Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.
Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;
Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.
Ùlungile wena, ulungisa;
Ndífundise imimiselo yakho.
Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;
Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.
Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;
Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.
Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,
Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.
Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,
Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.
Izandla zakho zindenzile, zandilungisa;
Ndíqondise, ndifùnde imithetho yakho.
Abakoyikayo bondibona, bavuye,
Ngokuba ndilindele elizwini lakho.
Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;
Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.
Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,
Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.
Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile,
Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.
Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki,
Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.
Mabandibuyele abakoyikayo,
Nabazaziyo izingqiniso zakho.
Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,
Ukuze ndingadani.