IMIZEKELISO 30:11-23

IMIZEKELISO 30:11-23 XHO75

Kukho isizukulwana esitshabhisa uyise, Singamsikeleli unina; Kukho isizukulwana esihlambulukileyo kwawaso amehlo, Esingahlanjwanga ekungcoleni kwaso; Kukho isizukulwana, hayi, ukuqwayinga kwamehlo aso, Ukuziphakamisa kweenkophe zaso! Kukho isizukulwana esimazinyo angamakrele, simabamba azizitshetshe Zokudla iintsizana ehlabathini, namahlwempu phakathi kwesintu. Isimungunyi-gazi sineentombi ezimbini, ezithi, Ethe, ethe! Zintathu izinto ezingenakuhlútha; Ziné ezingàtshoyo ukuthi, Kwanele: Lelabafileyo; kukungazali; Ngumhlaba ongàhluthiyo ngamanzi; Ngumlilo ongàtshoyo ukuthi, Kwanele. Iliso eligculela uyise, Lidele ukumlulamela unina, Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni, Alidle amathole exhalanga. Izinto zintathu ezibalulekileyo kum; Hayi, ziné endingenakuzazi: Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni, Yindlela yenyoka etyeni, Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle, Yindlela yomfo nentombi. Injalo indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla, asule umlomo, Athi, Andenzanga bubi. Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima, Ngaphantsi kweziné ukhohliwe kukuthwala: Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani; Nesidenge, xa sithe sahlútha sisonka; Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda; Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.