Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela; Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko; Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile. Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko. Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho. Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke. Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala; Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini; Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba; Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke: Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi; Kuba úfumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke; Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.
Funda IMIZEKELISO 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IMIZEKELISO 1:1-19
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo