IMIZEKELISO 1:1-19
IMIZEKELISO 1:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho; Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo; Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye; Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela; Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko; Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile. Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko. Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho. Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke. Ukuba bathe, Hamba nathi, Masilalele igazi, Masibalalele abamsulwa bengenatyala; Masibaginye njengelabafileyo behleli, Begqibelele, njengabehla baye emhadini; Sofumana ubuncwane obunqabileyo, Sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba; Wena ke woliphosa phakathi kwethu iqashiso lakho, Yoba nye ingxowa yethu sonke: Nyana wam, musa ukuhamba ngendlela nabo; Lunqande unyawo lwakho emendweni wabo. Kuba iinyawo zabo zigidimela ububi, Zikhawulezela ukuphalaza igazi; Kuba úfumana usanekwa umnatha Emehlweni eentaka ezi zonke; Ke bona balalela elabo igazi, Bazonda owabo umphefumlo. Unjalo umendo wabo bonke abangxamele inzuzo embi; Imka nomphefumlo womniniyo.

IMIZEKELISO 1:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Ezi zafobe ziluncedo: umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko, abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na. Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha, abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe. Ongekabi namava zimenza abe krele-krele, nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko. Isilumko siyeva, sivune ulwazi; kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo, khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe, nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo. Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo, kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho. Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo, ungazityesheli neziluleko zikanyoko. Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho, oku kwentsimbi ehombisa intloko, nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko. Nyana wam, sukuvuma xa uwexulwa ngoongantweni. Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala, ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.” Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni, abe ngathi uginywe lelabafileyo, size ke thina sizithathele konke okunexabiso, izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba. Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi; yoba nye ingxowa yethu sonke.” Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo, ulubuyise nonyawo lwakho kuzo. Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni; bayakhawuleza ukuphalaza igazi. Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intaka xa isibona isabatha eso, kodwa bona balalela elabo igazi; ewe, bazonda owabo umphefumlo. Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa: ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.
IMIZEKELISO 1:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli; Ubazi ubulumko noqeqesho; ukunakana kwamagama engqiqo; yokwamkela imfundiso yobulumko, nesiko, nesiko, nobulungisa; Ukunika abo bafuna amaqhinga, ulwazi kunye neengcebiso kwabaselula. Oweva osisilumko, aqokele afunde; Umntu onengqondo uya kucebisana nobulumko. Ukuqonda izaci neenkcazelo; Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo. Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile. Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawushiyi umyalelo kanyoko. Kuba iya kuba sisivatho sokuhomba entlokweni yakho, nemixokelelwane yentamo yakho. Nyana wam, xa aboni bekulinga, awukholwa; Ukuba bathe, Hamba nathi, masilinde igazi, sifune abamsulwa emfihlekweni, simsulwa. Wathi abo badlayo usaphila njengengcwaba; nabo bangcathu, njengabo behla ngezinyuko; Sozifumana zonke izinto ezinqwenelekayo, sozizalisa izindlu zethu ngamaxhoba. Liphose phakathi kwethu iqashiso lakho; masibe nesipaji esinye sonke. Nyana wam, musa ukuhamba nabo endleleni; Lugcine unyawo lwakho endleleni yabo. Kuba iinyawo zabo zigidimela ebubini, zigijimela kuphalaza igazi; Okunene umnatha owanekwayo phambi kwamehlo eentaka zonke ulilize. Balalela igazi labo; bafihla ubomi babo emfihlekweni. Zizo ezo iindlela zabo bonke abalungileyo; ethatha ubomi babanikazi bayo.
IMIZEKELISO 1:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
IMIZEKELISO ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli; yokuba kwaziwe ubulumko nemfundiso; yokuba kuqondwe iziteto zengqondo; yokuba kwamkelwe imfundiso yobutelekelelo; ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano; yokunika izidenge ubuciko, nomfana ukwazi nentelekeleliso. Ilumko liya kuva, landise ufundo; noqondayo uya kuzuza amaqinga alumkileyo: kuze kuqondwe umzekeliso nenteto esiteleyo, amazwi amalumko nezintsonkotelo zawo. UKWOYIKA UYEHOVA kusisiqalo sokwazi: ubulumko nemfundiso amahilihili ayazidela. Yiva, nyana wam! imfundiso kayihlo, ungalahli umteto kanyoko. Ngokuba ziya kuba sisitsaba esihle zona kuyo intloko yako, nemixokelelwane entanyeni yako. Nyana wam! ukuba aboni bayakuhenda, zungavumi ke. Ukuba bati: Hamba nati, masilalele igazi, masizifihlele ofumana engenatyala; masibaginye behleli njengayo ihadesi; kwa besapilile, babe njengabahleleyo esihogweni: yonke impahla enobomi soyifumana; siya kuzalisa izindlu zetu ngamaxoba: iqashiso lako uya kulenza pakati kwetu; inxowa inye yoba kuti sonke: nyana wam! zungahambi nabo endleleni; nqanda unyawo lwako emizileni yabo: ngokuba inyawo zabo zibalekela ububi, zinxamela ukupalaza igazi. Ngenyaniso kufumana kusanekwa utambo emehlweni enye intaka: kanti bona bayalalela elabo igazi, bayazifihlela obabo ubomi. Zinjalo ke indlela zabo bonke ababawela impango; iyasusa ubomi bomniniyo.