Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.
Uthe akuba ezilé ukudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, ekupheleni kwazo walamba. Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.
Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa,
Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,
Zikufukule ngezandla,
Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
(INdum. 91:11)
Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.
Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.