UMATEYU 4:1-11
UMATEYU 4:1-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi. Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo. Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.” Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’ ” Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi: “ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe; ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’ ” UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’ ” Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo, wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.” Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ” Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.
UMATEYU 4:1-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi. Uthe akuba ezilé ukudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, ekupheleni kwazo walamba. Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. (INdum. 91:11) Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho. Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
UMATEYU 4:1-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi. Akuba ezile ukutya iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, walamba. Efikile ke umhendi kuye, wathi, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu; uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. uMtyholi wamthabatha wamsa kuwo umzi ongcwele, wammisa eluchochoyini lwetempile. Athi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, zaye ziya kukufukula ngezandla, hleze ubetheke ngonyawo lwakho eweni ilitye. Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho. Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; Athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. Waza wathi uYesu kuye, Suka umke, Sathana, kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa. Wasuka ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
UMATEYU 4:1-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WANDULA u‐Yesu wakatshelwa entlango NGUMOYA, ukuba alingwe ngu‐Satane. Wati akuba ezilile ukutya imini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane, wada walamba. Waza umlingi ezile kuye wati: Ukuba ungunyana KATIXO, xela ukuba enziwe izonka amatye la. Kodwa wapendula wati: Kuba̔liwe ngokuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi apumayo emlonyeni KATIXO. Wandula u‐Satane wamtabatela esixekweni esingcwele, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana KATIXO, ziwise pantsi; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, eziya kukufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni. Wati u‐Yesu kuye: Kuba̔liwe kanjako ngokuti: Akuyi kumlinga UYEHOVA, UTIXO wako. Wati kanjako u‐Satane wamtabatela entabeni ende kakulu, wambonisa bonke ubukumkani belizwe nobungcwalisa babo, wati kuye: Ezizinto zonke ndozinika kuwe, ukuba uya kuwa pantsi undibedeshe. Wandula u‐Yesu wati kuye: Suka, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: UYEHOVA, UTIXO wako, uya kumbedesha, umkonze yena yedwa. Wandula u‐Satane wamshiya: zaza, bona ke, zafika ingelosi zamkonza.