UMATEYU 2:19-23

UMATEYU 2:19-23 XHO75

Akubon' ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana. Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli. Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili. Ufiké wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowaseNazarete.