UMATEYU 2:19-23
UMATEYU 2:19-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akubon' ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana. Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli. Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili. Ufiké wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowaseNazarete.
UMATEYU 2:19-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Akuba ebhubhile uHerode, nâko kubonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni eseJiputa, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, uye kwelakwaSirayeli, kuba bafile abo babefuna ukumbulala umntwana.” Wavuka, wamthatha umntwana nonina, waya kwelakwaSirayeli. UJosefu akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaJuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona; wathi, eyalelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwiphondo laseGalili, waya kuhlala kwidolophu ekuthiwa yiNazarete. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngabashumayeli, besithi wobizwa ngokuba ngumNazarete.
UMATEYU 2:19-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke akuba efile uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa. Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana. Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli. Uthe ke akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuya khona; wathi, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwimimandla yelaseGalili. Ufike wahlala emzini ekuthiwa yiNazarete, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, kwathiwa, Uya kubizwa ngokuba ungumNazarete.
UMATEYU 2:19-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nxa abefile u‐Herodi, bona ke, ingelosi YENKOSI yabonakala epupeni ku‐Josefe e‐Jipete, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, uye ezweni lakwa‐Sirayeli; ngokuba befile abo babefuna ubomi bomntwana. Wesuka ke, watabata umntwana nonina, weza ezweni lakwa‐Sirayeli. Kodwa akuva ukuba u‐Arakelosi ungukumkani e‐Judeya esikundleni sika‐Herodi uyise, woyika ukuhambela kona; koko, eyaliwe NGUTIXO epupeni, wemkela kwizahlulo zase‐Galili, weza wema esixekweni esi‐kutiwa yi‐Nazarete, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngabaprofite ukuti: Uya kubizwa ngokuti ungum‐Nazarete.