UYOBHI 39

39
1Ùyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni,
Ugqale ukuzùza kwamaxhamakazi?
2Ùyazibala na iinyanga azizalisayo,
Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?
3Uyaguqa, azale,
Akhuphe inkonyana.
4Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni,
Aphuma, angabi sabuya.
5Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile?
Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,
6Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo,
Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?
7Liyayihleka ingxokolo yomzi,
Aliyiva ingxolo yomqhubi.
8Umfuno weentaba bubutyani balo,
Lilanda lonke uhlaza.
9Yovuma na inqu ukukukhonza,
Ilale esitalini sakho?
10Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo,
Iqwakanise iintili, ikulandela?
11Wòkholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo,
Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?
12Ùnokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho,
Ibuthele esandéni sakho?
13Iphiko lencinibakazi liyaphapha;
Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?
14Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo,
Ifukamele eluthulini;
15Ilibale ukuba unyawo lowatyumza,
Nerhamncwa lasendle lowanyathela.
16Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo,
Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.
17Ngokuba uThixo wenzé yabulibala ubulumko,
Akayabela ingqondo.
18Xesha limbi izibetha iphakame,
Ilihleke ihashe nomkhweli walo.
19Linikwa nguwe na ihashe ubukroti?
Ùyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?
20Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi?
Isandi somfutho walo siyothusa.
21Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla;
Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.
22Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini;
Alijiki phambi kwekrele.
23Úrhashaza phezu kwalo umphongolo,
Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.
24Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe;
Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.
25Ókuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke!
Lisezela imfazwe kwakude,
Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.
26Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na,
Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?
27Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke,
Liyiphakamise indlu yalo,
28Lihlale engxondorheni, lilale
Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?
29Lilapho lihlola ukudla;
Amehlo alo ondele kude.
30Amathole alo afunxa igazi;
Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.

Currently Selected:

UYOBHI 39: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena