UYOBHI 38
38
Intetho yokuqala yoSomandla
1Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
2Ngubani na lo usitha icebo
Ngokuthetha okungenakwazi?
3Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho,
Ndikubuze, undazise.
4Ùbuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi?
Xela, ukuba ùyazi, ùyaqonda.
5Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi?
Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?
6Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo?
Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,
7Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa,
Beduma bonke oonyana bakaThixo?
8Ngubani na owaluvingceláyo ulwandle ngeengcango
Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
9Ekulwambathiseni kwam ngamafu,
Ekulusongeleni ngesithokothoko;
10Ndakùlusikelela umda wam,
Ndakùmisa imivalo neengcango;
11Ndathi, Fika apha, ungegqithi;
Eme apha amaza akho akratshayo?
12Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,
Wasazisa isifingo indawo yaso;
13Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,
Bavuthulùlwe kulo abangendawo?
14Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,
Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
15Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,
Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
16Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?
Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
17Ùwatyhilelwe na amasango okufa?
Namasango ethunzi lokufa wawabona?
18Ùbugqalile na ububanzi behlabathi?
Xela, ukuba ùyakwazi oko konke.
19Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya,
Nobumnyama iphi na indawo yabo,
20Ukuba ubùse emdeni wabo,
Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
21Ùyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko
Lilikhulu nenani lemihla yakho!
22Ùfikelele na ebuncwaneni bekhephu?
Ubuncwane besichotho wabubona,
23Endabuqwebela ixesha lembandezelo,
Imini yokudibana nemfazwe?
24Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?
Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
25Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo,
Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
26Ukuba ine ezweni elingenamntu,
Entlango, apho kungekho mntu;
27Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,
Intshulise uhlaza oluphumayo?
28Inoyise na imvula?
Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
29Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?
Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?
30Amanzi ayaqina njengelitye,
Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.
31Ùnokuwabopha na amaqhina esiLimela,
Uzicombulule izintya zamaKroza?
32Ùnokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo,
Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere• nabantwana bayo?
33Ùyayazi na imimiselo yezulu?
Umise ulawulo lwalo ehlabathini?
34Ùnokuliphakamisela emafini na izwi lakho,
Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?
35Ùnokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?
36Ngubani na omise ubulumko ezintsweni?
Ngubani na onike imboniseli ingqondo?
37Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko?
Ngubani na othulula iintsuba zezulu.
38Emelelweni wothuli, lube lutyhido,
Amagada anamathelane?
39Ingonyamakazi ùnokuyizingelela inyamakazi na,
Uzalise iphango leengonyama ezintsha,
40Xa zincathamayo ezikhundleni zazo,
Zihlale ezindadeni, zilalele?
41Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo,
Xa amathole alo azibika kuThixo,
Ebhadu-bhadula, engenakudla?
Currently Selected:
UYOBHI 38: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.