UYOBHI 19
19
Intetho yesihlanu kaYobhi
1Waphendula uYobhi, wathi,
2Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,
Nindityumza ngokuthetha?
3Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;
Ànidanile, niyandikhwankqisa.
4Khona ke ndithe okunene ndalahleka,
Kuhleli nam ukulahleka kwam.
5Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,
Nandohlwaya ngengcikivo yam:
6Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,
Wandirhawula ngomnatha wakhe.
7Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;
Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
8Úyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha;
Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
9Úndihlube uzuko lwam,
Wasusa isithsaba sentloko yam.
10Úndidilizile ngeenxa zonke, ndemka;
Walincothula njengomthi ithemba lam.
11Úwuvuthise ngakum umsindo wakhe,
Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
12Zeza kunye izimpi zakhe,
Zandifumbela indlela yazo,
Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.
13Abazalwana bam úbasé kude kum,
Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.
14Izalamane zam zindishiyile,
Nabazana nam bandilibele.
15Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam,
Bandibalele ekuthini ndingowasemzini,
Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
16Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli;
Ndimbongoze ngomlomo wam.
17Umoya wam umkruqule umkam;
Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
18Namakhwenkwe ayandicekisa;
Ndakusuka, asuka athethe ngam.
19Ndilisikizi kumakholwane am,
Nabendibathanda bandiguqukele.
20Amathambo am atshele elùswini lwam nasenyameni yam;
Ndisindé macebetshu.
21Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam;
Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
22Yini na ukuba nindisukele njengoThixo,
Ninganeli yinyama yam?
23Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am!
Akwaba ebekrolwe encwadini!
24Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe,
Axholelwe eweni nanini!
25Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli;
Engowokuphela, uya kusuka éme phezu kothuli lwehlabathi.
26Emveni kokuba ulùsu lwam ludlavulwe lwanje,
Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
27Endiya kuzibonela mna ngokwam;
Amehlo am ambone, ingabi wumbi.
Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
28Ukuba nithi, Simsukela ngani na?
Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:
29Nxunguphalani likrele;
Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele,
Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.
Currently Selected:
UYOBHI 19: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.