UYOBHI 20
20
Intetho yesibini kaTsofare
1Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
2Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula,
Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.
3Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva,
Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
4Oku ùyakwazi na kambe kwanini,
Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
5Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane,
Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
6Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,
Intloko yakhe wayifikisa emafini:
7Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele,
Abambonayo bathi, Úphi na?
8Úya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa,
Aphekuzwe njengombono wobusuku.
9Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda;
Indawo yakhe ayisayi kumalama.
10Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo,
Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
11Amathambo akhe ebezele bubutsha;
Bolaliswa phantsi naye eluthulini.
12Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe,
Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,
13Wabuconga akabuyeka,
Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;
14Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe,
Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
15Úginye ubutyebi, wabuhlanza;
Úyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
16Wómungunya ubuhlungu bamaphimpi,
Lumbulale ulwimi lwenyushu.
17Akayi kubona mijelo,
Milambo, zihlambo zobusi namasi.
18Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi;
Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
19Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo;
Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
20Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe,
Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
21Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe;
Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
22Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile,
Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
23Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe,
UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe,
Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
24Ebaleka isikrweqe sesinyithi,
Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
25Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni,
Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe;
Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.
26Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe;
Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga;
Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
27Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe,
Nehlabathi lisukele phezulu kuye.
28Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe,
Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.
29Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo,
Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.
Currently Selected:
UYOBHI 20: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.