IGENESIS 31
31
UYakobi usaba kuLabhan ngokuzimela
1Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenzé ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke. 2Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nâbó bungenjengezolo nezolo elinye kuye. 3UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.
4UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane. 5Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam. 6Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke; 7ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi. 8Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila. 9Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika. 10Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose. 11Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha. 12Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe. 13NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.
14Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo? 15Àkuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba úthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu. 16-19Ngokokuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwénze.
Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni. Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan. ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-kaya ebiyekayise. 20UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram,• ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka. 21Wabaleka ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo,• wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.
22Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile. 23Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi. 24Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi. 25ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.
26Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele? 27Yini na ukuba uzímele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndikundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi. 28Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenzé ngobudenge. 29Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi. 30Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
31Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho. 32Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.
33Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli. 34Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana. 35Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.
36Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje? 37Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini. 38Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zeebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga. 39Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibíwe emini, nokuba ibíwe ebusuku. 40Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am. 41Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinaminé ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfutshane; ùwuguqule kalishumi umvuzo wam. 42Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene ùnge ùndindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.
43ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana bazo ezibazeleyo? 44Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.
45UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso. 46Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba. 47Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta,• uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.•
48Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi; 49neliyiMizpa,• ngokuba wathi, Makabonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene; 50ukuba ùthe wazicinezela iintombi zam, nokuba ùthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe. 51ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; ingqina yile mfumba, 52ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi. 53UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlonelwa nguyise uIsake. 54UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.
55Wavuka uLabhan kusasa, wabânga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.
Currently Selected:
IGENESIS 31: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.