IGENESIS 30

30
Abantwana bakaYakobi
1Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa. 2Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo? 3Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo. 4Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena. 5Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana. 6Wathi uRakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.• 7Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini. 8Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.•
9Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi. 10UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana. 11Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.• 12UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini. 13Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.•
14Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo. 15Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo. 16Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku.
17UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu. 18Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam. 19Wamthiya igama elinguIsakare.• Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu. 20Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.• 21Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.•
22Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe. 23Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam. 24Wamthiya igama elinguYosefu,• wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.
Iqhinga likaYakobi lokwandisa imfuyo yakhe
25Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu. 26Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo. 27Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho. 28Wathi, Ndímisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.
29Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam. 30Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu? 31Wathi, Ndikùnike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine. 32Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam; 33bundingqìnele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum. 34Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo.
35Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe. 36Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan.
37Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari• omhlophe ezimanzi, nezom-amangile,• nezompleyini,• wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo. 38Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela. 39Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala. 40Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan. 41Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga. 42Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi. 43Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane eninzi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.

Currently Selected:

IGENESIS 30: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena