IGENESIS 1:27-28

IGENESIS 1:27-28 XHO75

Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.