IGENESIS 1:27-28
IGENESIS 1:27-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo. Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni.
IGENESIS 1:27-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana. Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
IGENESIS 1:27-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wadala indoda nenkazana. Wabasikelela uThixo, wathi kubo, Qhamani, nande, nihlale emhlabeni, niwulime; nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
IGENESIS 1:27-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza UTIXO wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso KATIXO: wabadala indoda nomfazi. Waye UTIXO wabatamsanqela, wati UTIXO kubo: Cumani, nande, nizalise umhlaba, niwoyise; yibani nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwazo zonke izilo ezishukumayo pezu kwomhlaba.