UEZRA 9

9
UEzra uvuma izono ezizezabantu
1Kwakugqitywa oko, beza kum abathetheli, bathi, Abantu bakwaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, àbazahluli kwizizwe zamazwe la; benza ngokwamasikizi azo, awamaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori; 2ngokuba bazizekele bona noonyana babo abafazi ezintombini zawo; yazixuba imbewu engcwele nezizwe zala mazwe; ke kuqale isandla sabathetheli nabaphathi kobu bumenemene.
3Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe. 4Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswáyo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa. 5Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:
6Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini. 7Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla. 8Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu. 9Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.
10Singáthini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi, 11Ilizwe eniya kulíma, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo. 12Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
13Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana), 14singábuya siyaphule na imithetho yakho, sendiselane nezizwe ezinaloo masikizi? Akuyi kusifuthela ngomsindo side siphele na, ukuze kungabikho baseleyo, basindileyo? 15Yehova, Thixo kaSirayeli, ùlilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.

Currently Selected:

UEZRA 9: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena