UHEZEKILE 43

43
Ubuqaqawuli bukaYehova buzalisa indlu
1Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga. 2Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe. 3Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso. 4Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.
5UMoya wandifukula, wandísa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le. 6Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.
7Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigángeni zabo; 8ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenzé inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzáyo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam. 9Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.
Umyalelo wendlu
10Wena ke, nyana womntu, indlu kaSirayeli yixelele le ndlu, beve ihlazo ngenxa yobugwenxa babo, basilinganise isakhiwo esilinganiselweyo ngokuhle. 11Ukuba bathe baliva ihlazo ngenxa yezinto zonke abazenzileyo, bázìse ukumeka kwendlu le nokuqulunqwa kwayo, iziphumo zayo nezingeno zayo, iimeko zayo zonke nemimiselo yayo yonke, iimeko zayo zonke nemiyalelo yayo yonke, uyibhale emehlweni abo; bakugcine konke ukuma kwayo, nemimiselo yayo yonke, bayenze.
12Nguwo lo umyalelo wayo indlu: encotsheni yentaba, wonke umda wayo, ojikelezileyo ngeenxa zonke, uyingcwele kangcwele. Yabona, nguwo lo umyalelo wayo indlu.
Isibingelelo: imilinganiso nokungcwaliswa kwaso
13Yiyo le imilinganiso yesibingelelo ngokweekubhite• (ikubhite yikubhite nobubanzi besandla): umzantsi waso woba yikubhite, ube yikubhite ububanzi; ulungqu lwawo eludinini lwawo ngeenxa zonke lwalúngangomoluko omnye weminwe. Lulo olo ufundo lwesibingelelo esi. 14Kuthabathela emzantsini osemhlabeni, kude kuse emacaleni aphantsi, koba ziikubhite ezimbini ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye; kuthabathela emacaleni lawo amafutshane, kude kuse emacaleni amade, koba ziikubhite eziné ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye. 15Intaba kaThixo yoba ziikubhite eziné; zothabathela ezikweni likaThixo, zinyuse iimpondo eziné. 16Iziko likaThixo loba ziikubhite ezilishumi elinambini ubude balo, ishumi elinambini ububanzi balo; loba mbombo né ngokwamacala alo omané. 17Amacala oba ziikubhite ezilishumi elinané ubude bawo, neshumi elinané ububanzi, ngokwamacala awo omané; nolungqu ngeenxa zonke kuwo lube sisiqingatha sekubhite; umzantsi wawo ube yikubhite enye ngeenxa zonke; nezinyuko zawo mazikhangele empumalanga.
18Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso. 19Ùya kubanika ababingeleli, abaLevi abangabembewu kaTsadoki, abasondelayo kum, itsho iNkosi uYehova, ukuba balungiselele kum inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono. 20Wòthabatha egazini layo, uliqabe ezimpondweni zaso zoné, nasezimbombeni zoné zamacala, naseludinini ngeenxa zonke; usenze nyulu, usicamagushele; 21uyithabathe inkunzi entsha yedini lesono, bayitshise endaweni emisiweyo yayo indlu, ngaphandle kwengcwele.
22Ngomhla wesibini wòsondeza inkunzi yebhokhwe exhonti egqibeleleyo, ibe lidini lesono; basenze nyulu isibingelelo, njengoko senziwa nyulu ngenkunzi entsha. 23Ekugqibeni kwakho ukusenza nyulu, wòsondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, nenkunzi egqibeleleyo yasempahleni emfutshane. 24Wòzisondeza phambi koYehova, ababingeleli bagalele ityuwa phezu kwazo, bazinyuse zibe lidini elinyukayo kuYehova.
25Iintsuku ezisixhenxe ùya kunikela inkunzi yebhokhwe exhonti eyedini lesono ngemini; balungiselele nenkunzi entsha elithole lenkomo, nenkunzi yasemphaleni emfutshane egqibeleleyo. 26Iintsuku ezisixhenxe bosicamagushela isibingelelo, basihlambulule; basimisele. 27Baya kuzigqiba ezo ntsuku, kuthi ngomhla wesibhozo, nanini, ababingeleli benze amadini enu anyukayo nemibingelelo yenu yoxolo esibingelelweni, ndize ndinamkele; itsho iNkosi uYehova.

Currently Selected:

UHEZEKILE 43: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena