UHEZEKILE 42

42
Amagumbi entendelezo yetempile
1Waphuma nam, waya entendelezweni engaphandle ngendlela esinga ngentla, wandísa emagumbini amalunga nendawo le iqhiwukileyo, amalunga nesakhiwo eso, akhangele entla. 2Phambi kwecala elibude buziikubhite ezilikhulu, elimnyango ungasentla, ububanzi baba ziikubhite ezimashumi mahlanu. 3Malunga neekubhite ezimashumi mabini zentendelezo engaphakathi, malunga nombekelelo wamatye osentendelezweni engaphandle, yaba yigalari• isinge egalarini eludidini lwesithathu. 4Phambi kwamagumbi kwakukho indawo yokuhamba, ububanzi bayo buziikubhite ezilishumi; kukho indlela eziikubhite zilikhulu, ebheka phakathi; iminyango yazo ke ibheka ngentla.
5Ke amagumbi aphezulu ebemafuphi kunawaphantsi, kunaphakathi esakhiweni; ngokuba iigalari zawadlela. 6Ngokuba ebendidi ntathu wona, engenazintsika, njengokuba iintendelezo zineentsika; ngenxa yoko kwarhoxiswa kwalá angaphantsi kwanalá aphakathi esikhundleni sawo. 7Ke udonga olwalungaphandle, lulungelelene namagumbi, lwasinga entendelezweni engaphandle phambi kwamagumbi la; ubude balo babuziikubhite ezimashumi mahlanu. 8Ngokuba ubude bamagumbi entendelezo engaphandle baba ziikubhite ezimashumi mahlanu; kodwa ke phambi kwetempile baba ziikubhite ezilikhulu. 9Ngaphantsi kwala magumbi, ukungena bekuvelwa ngasempumalanga ekuyiweni kuwo, kuvelwa entendelezweni engaphandle.
10Ebubanzini bodonga lwentendelezo, kusingise empumalanga, phambi kwendawo eqhiwukileyo naphambi kwesakhiwo, bekukho amagumbi. 11Ayenendlela phambi kwawo, ebonakala enjengamagumbi asingise entla; ngobude bawo, aba njalo nangobubanzi bawo, aba njalo nangokuphuma kwawo konke, aba njalo nangamasiko awo. 12Njengoko injalo iminyango yawo lawo, injalo neminyango yamagumbi abe ekhangele ngezantsi; kwakukho umnyango emantloko endlela, endlela emalunga nodonga olulungelelene namagumbi la, endlela evela ngasempumalanga ekuyiweni kuwo.
13Wathi kum, Amagumbi angasentla namagumbi angasezantsi, aphambi kwendawo eqhiwukileyo, wona ngamagumbi angcwele, apho ababingeleli abasondelàyo kuYehova baya kudlela khona ezona nto zingcwele; apho baya kuzibeka khona ezona nto zingcwele, umnikelo wokudla, nedini lesono, neletyala; ngokuba le ndawo ingcwele. 14Bakùngena ababingeleli, mabangaphumi engcweleni, baye entendelezweni engaphandle; bozibeka apho iingubo zabo, abalungiselela benazo, ngokuba zingcwele; mabambathe ngubo zimbi, basondele ke kokwabantu.
15Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheké empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke. 16Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa;• yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke. 17Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke. 18Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngencongolo yokulinganisa.
19Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa. 20Ngamacala omané wayilinganisa. Inodonga olujikelezileyo ngeenxa zonke; ubude bangamakhulu amahlanu, nobubanzi bangamakhulu amahlanu, ukuze kwahlulwe phakathi kokungcwele nokuhlambeleyo.

Currently Selected:

UHEZEKILE 42: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena