Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambùlule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke. Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama. Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze; niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu. Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.
Funda UHEZEKILE 36
Share
Compare All Versions: UHEZEKILE 36:25-29
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos