IDUTERONOMI 31

31
Iziyalo zokugqibela zikaMoses ebantwini nakuYoshuwa
1Waya uMoses, wawathetha la mazwi kumaSirayeli onke, 2wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan. 3NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wózitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova. 4Úya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo; 5azinikele kuni uYehova; nenze kuzo ngokomthetho wonke endiniwiseleyo. 6Yomelelani nikhaliphe: musani ukoyika, musani ukungcangcazela ebusweni bazo. Ngokuba nguYehova uThixo wakho ohamba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya.
7UMoses wambiza ke uYoshuwa, wathi kuye emehlweni amaSirayeli onke, Yomelela ukhaliphe; kuba wena uya kungena naba bantu kwelo zwe wafungayo kooyise uYehova ukuba wobanika; wena uya kubadlisa ilifa. 8NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.
UMoses unikela umthetho kubabingeleli
9Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke. 10UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba, 11ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wòwulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo. 12Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo; 13beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.
14Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana. 15Wabonakala uYehova ententeni emqulwini welifu. Wamana umi umqulu welifu phezu komnyango wentente.
Intsusa yengoma kaMoses
16Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ùya kulala nooyihlo; basùke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo; 17uvúthe umsindo wam kubo ngaloo mini, ndibashiye, ndibusithelise ubuso bam kubo, babe ngabokudliwa kuthi tu, bafunyanwe bububi obuninzi naziimbandezelo; bathi ngaloo mini, Àkungenxa yokuba engekho na uThixo wam phakathi kwam, le nto ndifunyenwe bobu bubi? 18Ke mna ndiya kubusithelisa kuphele ubuso bam ngaloo mini, ngenxa yobubi bonke ababenzileyo; ngokuba bejike baya thixweni bami.
19Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli. 20Kuba ndiya kubangenisa kuwo umhlaba endafunga kooyise ngawo, obaleka amasi nobusi, badle bahluthe, batyebe; bajike baye thixweni bambi, babakhonze, bandigibe, bawaphule umnqophiso wam. 21Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo; kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi nje kwelo zwe ndifunge ngalo.
22Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli. 23Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba ùya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.
24Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa, 25uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi, 26Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni. 27Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam? 28Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo. 29Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.
30Wawathetha ke uMoses ezindlebeni zebandla lonke lakwaSirayeli amazwi ale ngoma, ada agqitywa:

Currently Selected:

IDUTERONOMI 31: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena