IDUTERONOMI 16
16
Imithetho malunga nemithendeleko
1Yigcine inyanga enguAbhibhi, wenze ipasika kuYehova uThixo wakho; ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku. 2Uze ubingelele ipasika• kuYehova uThixo wakho, impahla emfutshane neenkomo, kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe. 3Uze ungadli nto inegwele kunye nayo; imihla yoba sixhenxe usidla izonka ezingenagwele kunye nayo, isonka seentsizi, ngokuba waphuma buphuthuphuthu ezweni laseYiputa; ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yokudla kwakho ubomi. 4Kuze kungàbonwa gwele emideni yakho yonke imihla esixhenxe; ze kungabikho ntwana yanyama, oyibingelelayo ngokuhlwa ngosuku lokuqala, eba ngumbeko kude kuse.
5Akunako ukuyibingelela ipasika kulimbi isango, emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho; 6ke kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe, woyibingelela apho ipasika, ngokuhlwa, ukutshona kwelanga, ngexesha owaphuma ngalo eYiputa; 7uyose, uyidle, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; ubuye kusasa, uye ezintenteni zakho. 8Wodla izonka ezingenagwele imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe yingqungquthela kaYehova uThixo wakho; uze ungenzi namnye umsebenzi.
9Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibalela iiveki ezisixhenxe uthabathela ekulifakeni irhengqa engqoloweni ingekavunwa; 10wenze umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho ngokomlinganiso wombingelelo wokuqhutywa yintliziyo wesandla sakho, uwunike njengokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho; 11uvuye phambi koYehova uThixo wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi osemasangweni akho, nomphambukeli, nenkedama, nomhlokokazi ophakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova, uThixo wakho. 12Uze ukhumbule ukuba ube ulikhoboka eYiputa, uyigcine uyenze le mimiselo.
13Uze uzenzele umthendeleko weminquba imihla esixhenxe, wakukhova ukubutha okusesandeni sakho, nasesixovulelweni sakho; 14uvuye emthendelekweni wakho, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nomLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho. 15Imihla yoba sixhenxe usenza umthendeleko kuYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikela elungeniselweni lwakho lonke, nasemisebenzini yonke yezandla zakho, ube nokuvuya kuphele.
16Izihlandlo ezithathu ngomnyaka mayibonakale into yonke eyindoda ebusweni bukaYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula; ngomthendeleko wezonka ezingenagwele, nangomthendeleko weeveki, nangomthendeleko weminquba. Makangàbonakali ke engaphethe lutho ebusweni bukaYehova; 17elowo abonakale ngokupha kwesandla sakhe, ngokwentsikelelo kaYehova uThixo wakho akunikileyo.
Malunga nabagwebi
18Wòzimisela abagwebi nababhali emasangweni akho onke akunikayo uYehova uThixo wakho, ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngogwebo olulungileyo. 19Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa. 20Ubulungisa, ubulungisa obu, uze ubuphuthume, ukuze uphile, ulihluthe ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho.
21Uze ungazigxumekeli Ashera• wemithi, nokuba yiyiphi, ecaleni lesibingelelo sikaYehova uThixo wakho, ozenzela sona; 22ungazimiseli simiso selitye, into ayithiyileyo uYehova uThixo wakho.
Currently Selected:
IDUTERONOMI 16: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.