IDUTERONOMI 17

17
1Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho nkomo nagusha inasiphako, nandawo imbi nokuba yiyiphi; ngokuba oko kulisikizi kuYehova uThixo wakho.
Malunga nonqulo-zithixo
2Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, nakuliphi isango emasangweni akho akunikayo uYehova uThixo wakho, indoda nokuba yinkazana eyenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho ngokugqitha umnqophiso wakhe; 3yaya, yakhonza thixo bambi, yazinqula, ilanga, nenyanga, nomkhosi wonke wasezulwini, into endingawisanga mthetho ngayo; 4waxelelwa ke, weva, wabuza wacokisa, wafumana iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi kwaSirayeli: 5woyikhupha loo ndoda, nokuba yiloo nkazana, iyenzileyo loo nto imbi, emasangweni akho, loo ndoda nokuba yiloo nkazana uyixulube ngamatye, ife.
6Ofanele ukuba wobulawa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamangqina amathathu; makangabulawa ngomlomo wangqina linye. 7Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emveni koko; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.
Imicimbi efanele ukugwetywa ngababingeleli nabagwebi
8Xa ithe yakunqabela indawo ekugwebeni phakathi kwegazi negazi, phakathi kwetyala netyala, phakathi kobetho nobetho, iziindawo ekubanjwene ngazo emasangweni akho: wosuka unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho; 9uye kubabingeleli abaLevi, nakumgwebi oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakuxelele ilizwi lokugweba. 10Uze wenze ngokwentetho yelizwi abokuxelela lona, bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; ugcine ukwenza ngako konke abaya kukuyala ngako. 11Ngokwentetho yomyalelo abaya kukuyala ngayo, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenze, ungatyeki kulo ilizwi abaya kukuxelela, uye ekunene nasekhohlo. 12Indoda leyo ethe yenza ngokukhukhumala, ingamphulaphuli umbingeleli omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo: mayife loo ndoda; ubutshàyele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli; 13bova ke bonke abantu, boyike, bangabi sakhukhumala.
Ukunyulwa kukakumkani neemfanelo zakhe
14Xa uthe wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wema kulo, wathi, Ndiya kuzimisela ukumkani njengeentlanga zonke ezindijikelezileyo: 15wòzimisela ukumkani aya kumnyula uYehova uThixo wakho, uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akungekhe uzimisele ndoda yolunye uhlanga, engengumzalwana wakho.
16Kodwa makangàzandiseli mahashe, angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe; ngokuba uYehova wathi kuni, Ize ningabi saphinda nibuye ngaloo ndlela. 17Makangazandiseli bafazi, ize ityeke intliziyo yakhe; angazandiseli kakhulu silivere nagolide. 18Wóthi, xenikweni athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azibhalele impinda yombhalo yaló myalelo encwadini, ethabatha kwephambi kwababingeleli abaLevi. 19Yoba ngakuye alese kuyo imihla yonke yobomi bakhe, ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakho, nokuwagcina onke amazwi alo myalelo nale mimiselo, ukuba awenze; 20ukuba ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe, angatyeki emthethweni, aye ekunene nasekhohlo; ukuze ayolule imihla ebukumkanini bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kwamaSirayeli.

Currently Selected:

IDUTERONOMI 17: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena