USAMUWELI II 22
22
Ingoma yombulelo kaDavide
( INdum. 18)
1Wathetha uDavide kuYehova amazwi ale ngoma, mini uYehova wamhlangulayo esandleni seentshaba zakhe zonke, nasesandleni sikaSawule, wathi:
2Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo,
3Thixo oliliwa lam, endizímela ngalo;
Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam,
Ngxonde yam, ndawo yokusabela kwam,
Msindisi wam, undisindisa ekugonyamelweni.
4Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,
Ndiyasindiswa ke ezintshabeni zam.
5Ákundijikela amáza alwayo okufa,
Yakundidandathekisa imilambo yobutshijolo,
6Zakundibhijela izintya zelabafileyo,
Zakundirhintyela izirhintyelo zokufa,
7Ekubandezelekeni kwam, ndanqula uYehova,
Ndamnqula uThixo wam:
Waliva etempileni yakhe izwi lam,
Ukuzibika kwam kwafika ezindlebeni zakhe.
8Lahexa ke lanyikima ihlabathi,
Iziseko zezulu zagungqa,
Zahexa ngokuba enomsindo.
9Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,
Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,
Avutha amalahle, ephuma kuwo.
10Wawathoba amazulu, wehla,
Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
11Wakhwela ekerubhini,• waphaphazela,
Wabonakala esemaphikweni omoya.
12Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,
Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.
13Ekuqaqambeni okuphambi kwakhe
Kwavutha amalahle omlilo.
14Wadudumisa emazulwini uYehova,
Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.
15Wathuma iintolo, wabaphangalalisa;
Umbane, wabadubaduba.
16Kwabonakala imiphantsi yolwandle,
Kwatyhileka iziseko zelimiweyo
Ngokukhalima kukaYehova.
Ngokufutha komoya womsindo wakhe.
17Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,
Wandirhola emanzini amaninzi.
18Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,
Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.
19Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,
Waba sisixhaso kum uYehova.
20Wandikhuphela endaweni ebanzi,
Wandihlangula ngokuba endinonelele.
21UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,
Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.
22Ngokuba ndazigcina iindlela zikaYehova,
Andemka ngokungendawo kuThixo wam.
23Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam;
Nemimiselo yakhe, andityekanga kuyo.
24Ndandingogqibeleleyo kuye,
Ndazinqanda ebugwenxeni bam.
25Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,
Ngokobunyulu bam, phambi kwamehlo akhe.
26Kowenceba ùzenza owenceba,
Kwigorha eligqibeleleyo ùzenza ogqibeleleyo.
27Kozenze nyulu ùzenza onyulu,
Kojibilizayo ùzenza onobuqhokolo.
28Abantu abaziintsizana ùyabasindisa,
Amehlo akho ajongene nabaqwayingileyo, ubathobe.
29Kuba ùsisibane sam, wena Yehova,
UYehova ukhanyisela ubumnyama bam.
30Kuba ngawe ndigila impi,
NgoThixo wam nditsiba iindonga.
31UThixo yena — igqibelele indlela yakhe,
Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,
Úyingweletshetshe kubo bonke abazímela ngaye.
32Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?
Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?
33UloThixo uligwiba lam elinamandla,
Umalathisayo ogqibeleleyo indlela yakhe;
34Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,
Undimisayo emimangweni yam;
35Uzifundisayo ukulwa izandla zam,
Zigobe isaphetha sobhedu iingalo zam.
36Ùndinike ingweletshetshe yosindiso lwakho,
Ukundiphulaphula kwakho kwandikhulisa.
37Ùwenzele indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,
Amaxhwele am akahexa.
38Ndiya kuzisukela iintshaba zam, ndizitshabalalise,
Ndingabuyi zide ziphele.
39Ndiya kuzigqiba, ndiziphaluse, zingavuki,
Ziwe phantsi kweenyawo zam.
40Ùndibhinqise ukukhaliphela imfazwe,
Ùbaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum.
41Iintshaba zam uzenzé zandinikela ikhosi,
Abandithiyayo ndababhangisa.
42Bayabhekabheka, kungabikho msindisi;
KuYehova, angabaphenduli.
43Ndibacola njengothuli lomhlaba,
Ndibacumza, ndibaxovula njengodaka lwendlela, ndibasasaze.
44Ùndisiza ekubambaneni kwabantu bam nam,
Ùndigcina ndibe yintloko yeentlanga.
Abantu ebendigabazi baya ndikhonza.
45Oonyana bolunye uhlanga baya kundilulamela, behanahanisa,
Bandithòbele besave ngeendlebe.
46Oonyana bolunye uhlunga bayantshwenya,
Baphuma benovalo ekuvingcelweni kwabo.
47UYehova uhleli, lelokubongwa iliwa lam,
Aphakanyiswe uThixo, iliwa losindiso lwam.
48UloThixo undiphindezelayo,
Uzihliselayo phantsi kwam izizwe,
49Undikhuphayo ezintshabeni zam;
Undiphakamisayo kwabasukela phezulu kum;
Undihlangulayo kumfo ogonyamelayo.
50Ngenxa yoko ndiya kubulela kuwe, Yehova, phakathi kweentlanga,
Ndivume kwigama lakho.
51Ulokhulisa usindiso lokumkani wakhe;
Owenzayo inceba kumthanjiswa wakhe,
KuDavide, nakwimbewu yakhe kude kuse ephakadeni.
Currently Selected:
USAMUWELI II 22: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.